22_WieRigJouAfXhosa
Transcription
22_WieRigJouAfXhosa
Imicimbi yezoshishino Uqeqesho lwabaphathi Uqeqesho asilelo lungelo elilodwa lamaqela emidlalo anjengamaBhokobhoko, iProteas okanye iBafana Bafana. Iinkampani ezininzi zisebenzisa abancedisi ukunceda abaphathi nabasebenzi ukuba bafumane iziphumo ezingcono. UClayton Swart uphonononga ubuninzi balomkhwa. Uphenyo olukhawulezileyo ufunisa ngesisigama esithi management coaching kwinetweki yabasebenzi bobuchule iLinkedIn luveza abantu abangaphezulu ku-399 000 ababhale sona nje ngesakhono abanaso. EMzantsi Afrika iinkampani ezininzi kwiJSE, eziquke iibhanki, amashishini athengisa i-inshurensi yethutyana, amashishini athengisa i-inshurensi yobomi, abathengisi botywala namaqumrhu alawulwa ngurhulumente sele iyiminyaka esebenzisa abaqeqeshi baphathi. Ugqirha uSalomé van Coller-Peter, umphathi-nkqubo weUSB MPhil in Management Coaching, okwanguye nomqeqeshi baphathi onamava eMzantsi Afrika naseYurophu, uthi uqeqesho lwezabaphaAGENDA NO 1 | 2012 | www.usb.ac.za thi akukabililo icandelo elibalulekileyo kwezophuhliso kwezabasebenzi. Ulwazi oluninzi ngenzuzo kubasebenzi nemibutho luyangokungena, kodwa, kusekhona ukubhideka ngomahluko phakathi kwengcebiso noqeqesho lwabaphathi. “Ingcebiso kukunikela umsebenzi osemtsha phantsi kwephiko lwelungu labasebenzi elidala nelinamava amaninzi kwinkampani okanye kwimveliso. Kubakhona ukudluliswa kwezakhono ngokulingana namava omcebisi, kwaye umcebisi uyalela lomsebenzi osemtsha. Uqeqesho lwabaphathi lunika umahlulelane okuncedisa ukucinga, ophakamisa isipili ancedise ukukhula nophuhliso kuwe neqela lakho,” uyacacisa uVan CollerPeter. Kungekudala uqeqesho lwalugcinelwe ukuphuhliswa kwabaphathi abaphezulu. Ngokuya kokubonakaliswa kwenzuzo iliso liphoselwe ekuvuleleni onke amanqanaba abaphathi nabasebenzi ababonakalisa isakhono. Uqeqesho lwabaphathi asingo zifo-zonke, uyalumkisa uVan Coller-Peter. Kodwa, kufuneka lusetyenziswe njengexenye yecebo elipheleleyo lokuphuhlisa abasebenzi benkampani. Amatyeli amaninzi abaphathi baxelela abasebenzi ababuya kwiseshoni yoqeqesho bezele amacebo amatsha: “Libala, siqhubekeka njengesiqhelo.” Elilithuba eliphosiweyo lokudibanisa olulwazi lutsha noqeqesho lwabaphathi, elinokuveza AFR ENG UQEQESHO www.usb.ac.za/agenda Salomé van CollerPeter Harry Welby-Cook Nathier Kasu Lebogang Tshithlo KUMASHISHINI Nombeka Mbava ‘Uqeqesho lwabaphathi lunika umahlulelane okuncedisa ukucinga, ophakamisa isipili ancedise ukukhula nophuhliso kuwe neqela lakho.’ iziphumo ezingcono, utsho uVan CollerPeter. UHarry Welby-Cook, usihlalo wesizwe wombutho walemveliso iComensa (Coaches and Mentors of South Africa), uyavuma. Uthi uphenyo olutsha ngobume boqeqesho lwabaphathi eMzantsi Afrika lubonisa ukuba ama-75% enkampani azi-hlanganisi uqeqesho lwabaphathi nenkqubo yokulawula iziphumo, ekubeni ezi-95% iinkampani ziyisebenzisa jikelele ekuphuculeni iziphumo. “Uqeqesho lwabaphathi lujoliswe kwiziphumo nophuhliso lwabasebenzi. Ngokunjalo ke kufuneka luhlanganiswe neenkqubo ezikhoyo zenkampani.” UNathier Kasu, umphathi jikelele weMWeb Digital, uthi inkampani yakhe yacinga ukuba kungaba negalelelo ukuba isebenzise iinkonzo zomqeqeshi baphathi njengokuba yena wayengoyena umcinci kwiqela labaphathi. “Yabanegalelo kakhulu ekucaluleni imiba ephathekayo nokukhawulela amava endinawo ekuphatheni iqela elikhulu. Kwabaluncedo nokuba nomntu osuka ngaphandle onokundimamela kwimiba yasemsebenzini neyasekhaya,” utsho uKasu. “Andilazi ikamva lokusetyenziswa loqeqesho lwabaphathi kwaMWeb emva kwelilinge lam, kodwa sanelisekile ukuba yenye yeendlela ezinegalelo ekulungiseleleni abantu abanezakhono baphuhliselwe ikamva emsebenzini kumbutho wethu,” utsho uKasu. UWelby-Cook uqikelela ukuba iinkampani zaseMzantsi Afrika zichithe ngaphezu kwe-R100 yezigidi kuqeqesho lwabaphathi kwiminyakana edlulileyo. “Awekho ama- nani aqinisikisiweyo, kodwa xa kukhangelwa indlela mna nabanye abaqeqeshi baphathi abaxakeke ngayo elizweni, eli linani endiliqikelelayo. Libonisa ukuba uqeqesho lwabaphathi luthathelwa ingqalelo. Sikhona isidingo, nabantu babonisa umdla ngokulungiselela izakhono zabo nokuvuna iziqhamo ngokunika iinkonzo ezinje. Akunyanzelekanga kube yinto embi.” UJacques Myburg, umphathi weIT nomqeqeshi baphathi eKapa, uthi amaxabiso abizwa ngabaqeqeshi baphathi ayashiyana ngokuxhomekeke kwimfundo namava abo. Ngoko phenyo lweComensa amaxabiso kwimveliso yoqeqesho baphathi emzantsi Afrika aphakathi kwe-R150 ukuya ngaphezulu kwe-R3 000 ngeyure. Uphenyo lwabo alubonisanga budlelwane phakathi kwemfundo namaxabiso eyure. Uphenyo olutsha lubonisa ukunqaba kwabaqeqeshi baphathi abantsundu elizweni lungumceli-mngeni omkhulu. ULebogang Tshithlo, umqeqeshi baphathi eRhawutini, uthi asilulo ucalucalulo olu yaye abaqeqeshi baphathi abantsundu abajongelwa phantsi. “Baninzi abaqeqeshi baphathi abantsundu abanamava aphathekayo kumashishini nemibutho, kodwa abanayo imfundo efanelekileyo. Ingxaki kukufuna ababaqeqeshi baphathi abantsundu nokubazisa ngamaziko afundisayo kwelicandelo. “Umceli-mngeni wam endihlangana nawo njengomqeqeshi baphathi ontsundu kukuba amadoda amadala antsundu ayakuthandabuza endinokuwafundisa kona ngenxa yokuba ndimcinci kunawo. Kwesinye isihlo indoda emhlophe zange indifune njengomqeqeshi wayo. Andinangxaki nayo nenye yezimeko, ngoba ku- nyanzelekile ukuba umqeqeshwa akhululeke. Eli linyathelo lokuqala,” uyacacisa uTshithlo. UWelby-Cook uyangqina ukuba baninzi abaqeqeshi baphathi abantsundu. Ikwalilo neqela elinamalungu akhula kakhulu kwiComensa. “Ukungafani kubalulekile yaye > Ukukhetha umqeqeshi baphathi Buza ngezizinto: • • • • • • • amava kwezoshishino amava njengomcebisi iziphumo isiqinisekiso njengomqeqeshi baphathi ukuqinisekiswa imfundo ephakemeyo yasedyunivesithi amava ekucebiseni okanye ekunyangeni. Buzisa nakwindawo ezithembekileyo ukuba ngabaphi abaqeqeshi baphathi ezinokuwa phakamisa yaye wenze udliwano-ndlebe nomqeqeshi phambi kokuba wenze isigqibo esipheleleyo. Intsusa: AMA Coaching: A Global Study of Successful Practices (2008) www.usb.ac.za | AGENDA NO 1 | 2012 UQEQESHO KUMASHISHINI ‘Sanelisekile ukuba yenye yeendlela ezinegalelo ekulungiseleleni abantu abanezakhono baphuhliselwe ikamva emsebenzini kumbutho wethu. ’ kufuneka sikhuthaze osomashishini abantsundu ukuba bathathe inxaxheba njengabaqeqeshi baphathi, ngakumbi xa kudala benikisa ngezi-nkonzo.” UVan Coller-Peter ucinga ukuba kufuneka kuhoywe ukuqeqeshwa kwabaqeqeshi baphathi abangafaniyo ngokwenkcubeko nangelwimi. “Abathengi abaninzi bangathanda uqeqesho ngelwimi labo ukuba kungenzeka. Abasebenzi bethu eMzantsi Afrika bohluka-hlukene kakhulu yaye kungalulutho ukuba nabaqeqeshi abangafaniyo kulemveliso. UNombeka Mbava, umphathi kwezokuyila nezeziphumo kwiSouth African National Space Agency, uthi umqashi wakhe wangaphambili, uSasol, yayinesiqendu kwimithetho yakhe omvumelayo ukuba asebenzise iinkonzo zomqeqeshi baphathi. “Umqeqeshi wam wayengumphathi ophezulu owandincedayo ngokukhula emsebenzini. Isiqhamo saba kukuba ndibhalise yaye ndigqibe iMBA eUSB, into eyayingumceli-mngeni omkhulu kum ngeloxesha. Ndiyacinga ukuba uqeqesho lwabaphathi kufanele lubeyinxelenye yento enikwa abasebenzi. Imali asiyiyo yonke into, yaye abasebenzi kufuneka bayazi ukuba inkampani ingabanika amanye amathuba okukhula nophuhliso ngoqeqesho lwabaphathi. “Kungekudalanga ndaye ndacelwa ukuba ndibe ngumcebisi nomqeqeshi kumlingane emsebenzini. Into endinokuyithanda ukuyibona, kukuba kubekho amabanga abekiweyo kubaqeqeshi baphathi. Wonke umntu angazibiza ukuba ungumqeqeshi mphathi. Kufuneka kubekhona isigqeba esilawulayo okanye imimiselo yokubhaliswa ukuze umthengi aqinisekiswe ukuba uthenga iinkonzo ezikwinqanaba elivunyiweyo,” utsho uMbava. Le yinto eyiliweyo kwikamva loqeqesho baphathi, uyacacisa uVan Coller-Peter. “Iinkampani nabantu bazakunyanzelisa ukuba abaqeqeshi baphathi bavunywe sisigqeba esiselizweni okanye ngaphesheya, ukuba basebenza ngokwendlela elungileyo yokuziphatha, yaye banamava aphathekayo nezifundo kwezoqeqesho baphathi ezifunye-nwe kwiziko elihlonitshiweyo.” UWelby-Cook ubona ukuba uqeqesho lwabaphathi luzakuba sesikweni kwiminyaka emithathu elandelayo yaye luzakuba yinkonzo enesidima elandela amabanga angqongqo. “Kuzakutsho ukubhalisa kurhulumente nokumisa uludwe lwamagama abaqeqeshi baphathi, ukugcinwa kweendlela ezilungileyo zokuziphatha ukuze iinkampani zazi ukuba zifumana zinkonzo zini yaye ziqinisekiswe ukuba zihlawulela into ekwinqanaba eliphezulu.” Ucingela ukuba kuzakubakhona nokukhula kuqeqesho baphathi kwisiqingatha seAfrika. AGENDA NO 1 | 2012 | www.usb.ac.za Iimpawu Zempumelelo • Ubuqu bomqeqeshi nomqeqeshwa kufuneka kuhambelane. • Khetha umqeqeshi wakho ngokwezakhona ezibonakalisiweyo zokusombulula ingxaki. • Cela umqeqeshi wakho aveze amava njengomcebisi kwezoshishino. • Sebenzisa umqeqeshi wangaphandle ngaphandle kokuba ujongene nabasebenzi abayingxaki. • Manya uqeqesho nenkqubo epheleleyo yenkampani yokulawula iziphumo. • Bala ingeniso ngokwe mveliso negalelo lomntu igalelo kwingeniso elinikwe luqeqesho imveliso kubasebenzi abamkele uqeqesho. Intsusa: AMA Coaching: A Global Study of Successful Practices (2008) IUSB MPhil in Management Coaching inceda ukuphuhlisa izakhono zasekhaya Ekupheleni konyaka u-2011 iqela lokuqala labasebenzi bobuchule lwabaqeqeshi baphathi abasixhenxe lwanikwa isidanga seMPhil in Management Coaching esivela Kwisikolo Shoshishino seDyunivesithi yaseStellenbosch (USB) emva kweminyaka emibini yezifundo. Abanye ababeqalile bazakugqibezela esisidanga kulonyaka. Ngokutsho kuka Gr Salomé van Coller-Peter, intloko yenkqubo yoqeqesho lwabaphathi eUSB, leklasi yokuqala nezalandelayo zatsala iqela labafundi abanamava. “Liqela elinobuchule nokhuphiswano elimele iinkampani ezahlukeneyo ezinkulu eMzantsi Afrika. Babenomdla wokufumana isidanga semastazi kuqeqesho lwabaphathi. Ababanezizidanga ngoku bazakudlala indima kwinguquko kwinkampani zabo nasekuveliseni uluhlu olutsha lweenkokeli. Bangasebenza njengabaqeqeshi baphathi basekhaya, bencedisa abantu nakweliphi inqanaba lwezokuphatha,” utsho ezingca uVan Coller-Peter. Abafundi abalandela lenkgubo kufuneka banike iyure ezi-40 beqeqesha yaye bafumane iyure ezi-20 beqeqeshwa. Yinkqubo ekusetyenzwayo ngezandla kuyo eyakha izakhono ezisebenzisekayo, uyacacisa uVan Coller-Peter. Iprojekti ezenziwe ngabafundi zisuka ekomelezeni abafazi abantsundu abazirhwebelayo, ukudlulisa kwezakhono kubaphathi beNGO emva kokuqeqeshwa eUSB, ukuya kwinqununu yesikolo isomeleza otishala bayo ngoqeqesho lwabaphathi. IUSB Executive Development nayo yothula izifundo ezifutshane kuqeqesho lwabaphathi ezinika izakhono ezifikelelekayo. Ukufumana ulwazi ngoqeqesho lwabaphathi ndwendwela www.usb.ac.za/coaching en www.usb-ed.com. Ulwazi lungafunyanwa kuLibby Kok ku 021 918 4246 of [email protected].